Judges 5:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwanyulwa otixo abatsha; kwandula kwabako imfazwe emasangweni: kanene bekubonwa ikaka na nomkonto pakati kwamawaka angamashumi mane kwa‐Sirayeli?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwakunyulwe oothixo abatsha, Kwaza kwayimfazwe emasangweni;Ingweletshetshe nomkhonto wawubonwa yini na, Phakathi kwamawaka amashumi mane akwaSirayeli?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bazinyulela oothixo abatsha; kwaliwa emasangweni; Ngaba bekukho ikhaka okanye umkhonto phakathi kwamashumi amane amawaka akwaSirayeli?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Suka bathatha thixo bambi, yaz' imfazwe yamrhewula uSirayeli. Kweso sine samawak' amaSirayeli, ikhaka nomkhonto zange ziphakanyiswe.