Judges 6:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kusiza ingelosi kayehova, yahlala ngapantsi kwomkoba ose‐Hofera, oka‐Yohashe, um‐Abihezere; waye u‐Gideyone unyana wake ebula inqolowa ngasesincinezelweni seveyine, ukuba ayizimeze kuma‐Midiyane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kweza isithunywa sikaYehova, sahlala phantsi komoki obuseOfra, kaYowashe umAbhihezere. Ke uGidiyon, unyana wakhe, wayebhula ingqolowa esixovulelweni, ukuze ayifihle kumaMidiyan.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaza ingelosi kaYehova yeza yahlala phantsi komthi wesiripine owawuseOfra, kaYowashe umMowabhi; unyana wakhe uGidiyon wayebhula ingqolowa kwisixovulelo sewayini ukuze afihle amaMidiyan.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku isithunywa sikaNdikhoyo saya kwilali yaseOfra, safika sahlala phantsi komthi wom-oki owawungokaJowashe, umfo womzi ka-Abhiyezere. Unyana wakhe uGidiyon wayebhula ingqolowa esixovulweni seediliya khon' ukuze angabonwa ngamaMidiyan.