Judges 6:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Gideyone wati kuyo: Ke, nkosi yam! ukuba uyehova unati, kunganina ukuba konke oku kusihlile? kanjako ipina yonke imimangaliso yake esiyibaliselwe ngobawo betu, besiti: Uyehova akesinyusanga na e‐Jipete? kodwa ngoku uyehova usilahlile, usinikele esandleni sama‐Midiyane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uGidiyon kuso, Camagu, Nkosi yam; ukuba uYehova unathi, yini na ukuba kusihlele konke oku? Iphi na yonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo, ababesibalisela ngayo oobawo, besithi, Sasinganyuswanga nguYehova na eYiputa? Kungoku uYehova usilahlile, wasinikela esandleni samaMidiyan.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uGidiyon kuyo, Camagu, Nkosi yam, ukuba uYehova unathi, yini na ukuba sibe ezi zinto zonke? Iphi na yonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo, ababesibalisela ngayo oobawo, bathi, AsinguYehova nalowo wasikhuphayo eYiputa? ngoku uYehova usilahlile, wasinikela esandleni samaMidiyan.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UGidiyon wathi kuso: “Ngxe, Mhlekazi! Ukuba uNdikhoyo unathi, kungani ukuba sihlelwe zizinto ezinje? Zaya phi eza zigigaba zezinto ezimangalisayo sasihlala sibaliselwa ngazo ngoobawo, kusithiwa uNdikhoyo wayezenza – ezo wazenzayo nasekubakhululeni kwakhe eJiputa? Kungokunje uNdikhoyo usilahlile; usinikele ezandleni zamaMidiyan.”