Judges 6:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati kuye: Ke, Nkosi! ndiya kusindisa o‐Sirayeli nganto nina? bona ke, iwaka lam lelibuhlwempu kwa‐Manase, nam ndingomncinane endlwini kabawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi yena kuye, Camagu, Nkosi yam, ndowasindisa ngantoni na amaSirayeli? Khangela, umzi wakowethu ngowona uphantsi kwaManase, nam ndinguyena mncinane endlwini kabawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi yena kuye, Camagu, Nkosi yam, ndowasindisa ngantoni na amaSirayeli? Uyabona, umzi wakowethu ulihlwempu ezweni lakwaManase, mna ndingoyena mncinane endlwini kabawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UGidiyon wathi: “Camagu, Nkosi yam, ndingawahlangula njani na amaSirayeli? Umzi wakowethu ungento nje kwaManase, nam ndingongazelwe nto kowethu nje?”