Judges 6:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku nxa u‐Gideyone abebona ukuba iyingelosi kayehova, waza u‐Gideyone wati: Au, Nkosi, Yehova! ngokokuba ndibonile ingelosi kayehova ubuso ngakubo ubuso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabona uGidiyon ukuba sisithunywa sikaYehova; wathi uGidiyon, Yoo! Nkosi Yehova! Nditsho ngokuba ndibonene nesithunywa sikaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa uGidiyon wabona ukuba yingelosi kaYehova leyo, uGidiyon wathi: “Owu, Nkosi enguMongami Yehova! ngokuba ndabona isithunywa sikaYehova, sakhangelana ebusweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waqonda ke uGidiyon ukuba sisithunywa sikaNdikhoyo esi asibonileyo. Wavakala esithi: “Yhuu, Ndikhoyo, Ngangalala! Isithunywa sikaNdikhoyo ndisibone ubuso ngobuso!”