Judges 6:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Gideyone watabata amadoda alishumi ezicakeni zake, wenza njengokuba uyehova ebetshilo kuye: kodwa bekute, ngokokuba ebesoyika indlu yoyise namadoda esosixeko, ukuba wakohlwa ukwenza oku emini, ngako wakwenza ebusuku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UGidiyon wathabatha amadoda alishumi kubakhonzi bakhe;wenza njengoko wathethayo uYehova kuye. Kwathi, kuba esoyika indlu kayise namadoda aloo mzi, akenza emini, wenza ebusuku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uGidiyon wathabatha amadoda alishumi kubakhonzi bakhe; wenza njengoko uYehova wamwiselayo umthetho ngako; yaye ngenxa yokuba wayeyoyika indlu kayise namadoda aloo mzi, kuba wayengenako ukuyenza loo nto emini, wenjenjalo kusebusuku.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UGidiyon wathatha amadoda alishumi kwizicaka zakhe, wenza ngokomlomo kaNdikhoyo. Lo msebenzi ke wawenza ngobusuku, kuba esoyika amawabo nabamelwana.