Judges 6:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Yohashe wati kubo bonke ababemi ngakuye: Niya kupikela u‐Bali na? niya kusindisa yena na? Lowa oya kumpikela, makafiswe engekasi: ukuba unguye utixo, makazipikele ngokwake, ngenxa yokuba kuwisiwe isibingelo sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYowashe kubo bonke ababemmele, Niya kummela uBhahali nina aba na? Niya kumsindisa nina aba na? Lowo ummelayo uBhahali makabulawe; makhe kuse. Ukuba unguThixo, makazithethele, ngokuba sidiliziwe isibingelelo sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYowashe kubo bonke ababemi phambi kwakhe, Niya kumthethelela uBhahali yini na? Ngaba uya kumsindisa? ofuna ukumthethelela makabulawe ngomso; ukuba unguthixo, makazimele, ngokuba kukho odilize isibingelelo sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJowashe wathi kuloo madoda ayemrharhamela: “Kanti ngoku seningakuBhali? Nini abamkhuselayo? Wonke umntu ongakuBhali uza kufa kungekasi. Ukuba uBhali nguthixo makazilwele; kaloku kudilizwe iqonga lakhe.”