Judges 6:35 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo watuma izigidimi pakati kwawo onke ama‐Manase; aza nawo ahlanganisana emva kwake: watuma nezigidimi pakati kwama‐Ashere, napakati kwama‐Zebulone, napakati kwama‐Nefatali; abenyuka ukuya kuhlangana nawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathuma abathunywa kumaManase onke, ahlatyelwa; eza nawo amlandela. Wathuma abathunywa kuma-Ashere, nakumaZebhulon, nakumaNafetali; enyuka awakhawulela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathuma abathunywa kumaManase onke; wathumela abathunywa kwa-Ashere, nakwaZebhulon, nakwaNafetali; benyuka baya kubakhawulela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathumela izigidimi ukuba abizwe eze kuye amadoda onke akwaManase. Wathumela nakwa-Ashere, kwaZebhulon, nakwaNafetali, zaza ke zeza nezo zindlu.