Judges 6:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bona ke, ndiya kubeka uboya obucetyiweyo esibayeni sokubula: ukuba kuya kubako umbete pezu kwoboya bodwa, nokwoma pezu kwomhlaba wonke, sendiya kukwazi ukuba uya kusindisa o‐Sirayeli ngesandla sam, njengokuba utshilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nanku ndibeke uboya obuchetyiweyo esandeni; ukuba umbethe uthe waba seboyeni bodwa, wonke umhlaba wawomile, ndiya kwazi ke ukuba uya kuwasindisa amaSirayeli ngesandla sam, njengoko uthethileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, ndibeka uboya boboya emhlabeni; yaye ukuba ukungunda kusebunweleni kuphela kuze kome kulo lonke ihlabathi ngaphandle, ndiya kwazi ke ukuba uya kumhlangula uSirayeli ngesandla sam, kanye njengoko ubuthethile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiza kubeka uboya begusha phaya esandeni sengqolowa. Ukuba ke kuse ibuboya obo bodwa obunombethe, ungekho kodwa emhlabeni, ndiya kuqonda ke ukuba ngenene uza kuwahlangula ngesandla sam amaSirayeli.”