Judges 6:39 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Gideyone wati kutixo: Makungavuti ingqumbo yako ngakum, ndandiya kuteta kube kaloku kodwa: mandilinge ke ngoboya kube kaloku kupela; makubeko ukwoma eboyeni bodwa ke, napezu kwomhlaba wonke makubeko umbete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uGidiyon kuThixo, Mawungavuthi umsindo wakho kum, ndakuthetha okwesi sihlandlo sodwa; makhe ndilinge okwesi sihlandlo sodwa ngoboya, kome uboya bodwa, umbethe ube semhlabeni wonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uGidiyon kuThixo, Musa ukuwuyeka umsindo wakho kum, ndithethe kube kanye; mandiyizame, kodwa ngeli xesha ngoboya; makube komile uboya, kubekho umbethe phezu komhlaba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku ke wathi uGidiyon kuThixo: “Ungakhathazeki; mandiphinde ndenze esinye isicelo. Nceda undiqinisekise kwakhona ngobu boya. Kwesi isihlandlo ndifuna uboya bome qoko, kodwa wona umhlaba ube manzi.”