Judges 7:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WAZA wavuka kusasa u‐Yerubebali, ongu‐Gideyone, nabo bonke abantu abanaye; baya bati waca ngasemtonjeni we‐Harodi: waye umkosi wama‐Midiyane ubungecala labo lasenode, ngasendulini ka‐More, emhlanjeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavuka kusasa uYerubhahali (nguGidiyon ke lowo), nabantu bonke naye, bamisa emantloko omthombo weHarodi; ke umkhosi wamaMidiyan wawungakuye, ngasentla kwenduli yakwaMore, entilini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bavuka kusasa ooYerubhahali, onguGidiyon, namadoda onke abenaye, bemisa ngasequleni likaHarodi. Umkhosi wamaMidiyan wawungasentla kwawo, phezu kwenduli kaMore, entilini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJerubhali, oko kukuthi uGidiyon, nawo onke amadoda akhe bavuka ngentseni, baya kumisa ngakumthombo waseHarodi. Ke yona ikampu yamaMidiyan yayikwintili engentla kwabo ngakwinduli yeMore.