Judges 7:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wauya kuva oko kutetwayo; nakamva isandla sako siya kwomelezwa, ukuba uhle uye kuwo umkosi. Waza wehla yena, no‐Fura isicaka sake, waya encameni yabaxo̔bileyo ababesemnqubeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
uye empini, uve into abayithethayo; emveni koko siya komelela isandla sakho. Yihla ke uye empini. Wehla ke yena noFura, umfana wakwakhe, baya ekupheleni kwabaxhobileyo abasempini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye uve into abayithethayo; emva koko izandla zakho ziya komelela ukuba uhle uye enqabeni. Wehla ke yena noPura isicaka sakhe, baya kutsho kumda womkhosi oxhobileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kuthi wakuziva iincoko zawo utsho ube nesibindi, uwahlasele.” Ngoko ke uGidiyon noPura isicaka sakhe behla baya kutsho emdeni wekampu yotshaba.