Judges 7:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, xeshekweni u‐Gideyone ebevile ukubaliswa kwepupa elo nokutyilwa kwalo, wandul’ ukubedesha; wasuka wabuyela emkosini wama‐Sirayeli, wati: Sukani; ngokuba uyehova enikele umkosi wama‐Midiyane esandleni senu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akukuva uGidiyon ukuxelwa kwephupha nokutyhilwa kwalo, wanqula, wabuyela emkhosini wamaSirayeli, wathi, Vukani, ngokuba uYehova uyinikele impi yamaMidiyan esandleni senu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuliva uGidiyon iphupha elo, nokutyhilwa kwalo, waguqa, wabuyela ezintlwini zakwaSirayeli, esithi, Yekani! ngokuba uYehova uyinikele imikhosi yakwaMidiyan esandleni sakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UGidiyon akuliva eli phupha lalo mfo ngokunjalo nokuchazwa kwalo, wasuka wee guqaqa wanqula uThixo. Emva koko ke wabuyela kwakumaSirayeli, wafika wathi: “Qulani niye; uNdikhoyo uwunikele esandleni senu umkhosi wamaMidiyan.”