Judges 7:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada wafika u‐Gideyone, nekulu lamadoda elinaye, encameni yomnquba, ekuqaleni kwelipakati ivaṙasho lobusuku, cebetshu kumisiwe abalindi: bandula bavutela ngamaxilongo, baqekeza imipanda ebisezandleni zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafika ke uGidiyon, nekhulu lamadoda elinaye, ekupheleni kwempi, ekuqalekeni komlindo ophakathi kobusuku, bakuth ukuthi ukumiswa abalindi. Lavuthela ngezigodlo, liyiqhekeza imiphanda esezandleni zalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uGidiyon nekhulu lamadoda abenaye bafika ngaphandle kweminquba, ekuqalekeni kweqela lamadoda aphakathi; yaye bemisa nje abalindi, baza bavuthela izigodlo baza bayaphula imiphanda eyayisesandleni sabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UGidiyon nelo khulu lakhe lamadoda waya kufika emdeni wekampu yotshaba, kancinane nje phambi kobhadakazi ebusuku, kanye emva kokutshintshwa kwabalindi. Ke kaloku basuka batsho ngomtyangampo bekhalisa amaxilongo, bazikroboza nezo ngqayi babeziphethe.