Judges 7:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti uyehova ku‐Gideyone: Baninzi abantu abanawe ukuba ndinikele ama‐Midiyane esandleni sabo, hlezibe u‐Sirayeli aqayise ngakum, esiti: Isandla sam sindisindisile!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuGidiyon, Baninzi abantu abanawe, kunokuba ndiwanikele amaMidiyan esandleni sabo; hleze amaSirayeli aqhayise, athi, Sisindiswe sisandla sethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuGidiyon, Baninzi abantu onabo, ukuze ndiwanikele amaMidiyan esandleni sabo, hleze bandivukele oonyana bakaSirayeli, bathi, Ndisindisiwe ngesandla sam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wathi kuGidiyon: “La madoda unawo maninzi gqitha; andingekhe ndiwanikele ezandleni zawo amaMidiyan, hleze aqhayise athi: ‘Sizizuzele ngawethu amandla olu loyiso.’