Judges 7:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo u‐Gideyone watuma izigidimi kuyo yonke intaba yakwa‐Frayime, ukuti: Yihlani ngakuwo ama‐Midiyane, niwapangele ukubamba amanzi kude kube se‐Betebara, ne‐Yoredane. Andula onke amadoda akwa‐Frayime abizelwa ndawonye, abamba amanzi kude kwase‐Betebara, ne‐Yoredane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UGidiyon wathuma abathunywa kweleentaba lonke lakwaEfrayim, esithi, Yihlani niwahlangabeze amaMidiyan, niwaphangele ukuthabatha amanzi, nise eBhete-bhara neYordan. Wahlatywa umkhosi, beza abantu bonke bakwaEfrayim, baphangela ukuwathabatha amanzi lawo, besa eBhete-bhara neYordan.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uGidiyon wesusa abathunywa ezintabeni zonke zakwaEfrayim, esithi, Yihlani niye kumaMidiyan, niwagxothe amanzi phambi kwawo, nide nise eBhete-bhara, naseYordan. Abuthelana ndawonye onke amadoda akwaEfrayim, akha amanzi, esa eBhete-bhara naseYordan;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UGidiyon wathumela izigidimi kulo lonke eleentaba lakwaEfrayim, esithi: “Yihlani nize kulwa namaMidiyan. Vingcan' amazibuko eJordan nasezintlanjeni nide niye kufika eBhete-bhara, khon' ukuze angaweli amaMidiyan.” AmaEfrayim eza ngendlu yawo, aza ke ayivingca iJordan neentlambo zayo ukuya kuthi xhaxhe ngeBhete-bhara.