Judges 7:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku danduluka ke ezindlebeni zabantu, ngokuti: Osukuba esoyika engcangcazela, makabuye, emke entabeni ye‐Gileyadi. Kwaza kwabuya kubo abantu amawaka angamashumi mabini anamabini; ada asala amawaka alishumi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khawudanduluke ke ngoko ezindlebeni zabantu, uthi, Owoyikayo nogubhayo makabuye, makanyebeleze emke ezintabeni zeGiliyadi.Kwabuya ke kubo abantu abangamawaka angamashumi omabini anamabini; kwasala amawaka alishumi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Khawuhambe ke umemeze ezindlebeni zabantu, uthi, Bonke abangcangcazelayo makabuye, bemke ezintabeni zaseGiliyadi. Kwabuya ke ebantwini abangamashumi amabini anamabini amawaka; kwasala ishumi lamawaka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke thetha nawo uthi: ‘Nabani na ogubhayo luloyiko makagoduke, anyebeleze emke apha kwiintaba zeGiliyadi.’ ” Akuba etshilo ke kwajika amashumi amabini amawaka, kwaza kwasala ishumi lamawaka kuphela.