Judges 7:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti uyehova ku‐Gideyone: Abantu basebaninzi; bahlisele ngasemanzini, ndokulingela bona apo: kwakuya kuti, lowo endiya kutsho ngaye kuwe: Lo uya kuhamba nawe, yena wohamba nawe; nosukuba ndiya kutsho ngaye kuwe: Lo akayi kuhamba nawe, yena akayi kuhamba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuGidiyon, Abantu basebaninzi. Yihla nabo, uye emanzini, ndikukhethele bona apho; kothi, endithe kuwe, Lo uya kuhamba nawe, maze ahambe nawe yena; bonke endisukuba ndithi kuwe, Lo akayi kuhamba nawe, ize angabambi nawe yena.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuGidiyon, Basebaninzi abantu; Yehla nawo uye emanzini, ndikuvavanyele wona apho. Ndithi ke kuni, Makangahambi nani, makangahambi nani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo waqhuba wathi kuGidiyon: “Nangoku asemaninzi la madoda unawo. Yihla nawo uye emfuleni; ndiza kuwaphungula. Ke indoda endithe mayihambe nawe, yohamba, kodwa endithe mayisale, mayisale.”