Judges 7:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wahlisela abantu ngasemanzini. Waza uyehova wati ku‐Gideyone: Bonke abaxapa amanzi ngolwimi lwabo, njengokuba ixapa inja, ubabeke bodwa; kwa nabo bonke abaguqa ngamadolo abo ukuba kuselwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wehla nabantu waya emanzini; wathi uYehova kuGidiyon, Bonke abasukuba bekramncela amanzi ngolwimi lwabo, njengoko ixhaphayo inja, uze ubamise bodwa; bonke abasukuba beguqa ngamadolo abo ukuba basele, uze ubamise bodwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabahlisela abantu emanzini, waza uYehova wathi kuGidiyon: “Nabani na owakhotha amanzi ngolwimi lwakhe njengenja ekhothayo, makamyeke; unjalo wonke umntu oguqa ngamadolo ukuba asele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UGidiyon ke waya nawo emanzini apho, waza uNdikhoyo wathi kuye: “Wahlula-hlule la madoda; yonke indoda esela amanzi ngokuwakha ngesandla, ngathi yinja ixhaph' amanzi, yahlule kuleyo icambalalayo xa iselayo.”