Judges 7:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Laye inani labo baxapayo ngokubeka isandla sabo emlonyeni wabo belingamadoda angamakulu matatu: kodwa bonke abanye abantu baguqa ngamadolo abo ukuba basele amanzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Inani labaselayo ngesandla salo emlonyeni laba ngamadoda amakhulu mathathu; bonke abanye abantu baguqa ngamadolo abo ukuba basele amanzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Inani labo babekhotha, bazibeka izandla emlonyeni wabo, lalingamakhulu amathathu amadoda; abanye abantu baguqa ngamadolo ukuba basele amanzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku amadoda awakha ngezandla amanzi xa aselayo aba ngamakhulu amathathu; aza ke amanye lawo acambalala xa aselayo.