Judges 7:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Basuka abantu bapata umpako esandleni sabo, namaxilongo abo; kanti amanye amadoda akwa‐Sirayeli wawatuma aye amanye ngamanye ezintenteni zawo, wabambelela kuwo lomadoda amakulu matatu. Waye umkosi wama‐Midiyane ubusezantsi kwake emhlanjeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bawuphatha abantu abo umphako ngesandla sabo, nezigodlo zabo. Wawandulula onke amadoda akwaSirayeli, ukuba ileyo iye ententeni yayo; wagcina amadoda lawo amakhulu mathathu. Umkhosi wamaMidiyan waba ngezantsi kwakhe entilini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abantu bathabatha ukudla kwabo, baphatha izigodlo zabo esandleni sabo, wathi onke amaSirayeli makaye elowo ententeni yakhe, wawagcina amadoda amakhulu mathathu yaye umkhosi wamaMidiyan wawuphantsi kwakhe entlanjeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uGidiyon wawagodusa amaSirayeli, ngaphandle kwalaa makhulu mathathu awawugcina umphako ngokunjalo nezigodlo ebezize namanye. Ke wona amaMidiyan ayemise kwintili esezantsi kwabo.