Judges 8:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Zeba no‐Tsalemuna bebese‐Karekore, nemikosi yabo kunye nabo, ngati angamawaka alishumi elinamahlanu amadoda, onke abesele kuwo wonke umkosi wamadoda asempumalanga: ngokuba bekuwile amadoda angamawaka alikulu elinamashumi mabini aber̔ola iṙele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku uZebha noTsalimuna bebeseKarkore, benemikhosi yabo, ngathi ngamawaka alishumi elinamahlanu ewonke amadoda, abesele kwimikhosi yonke yabasempumalanga. Kwakuwe amadoda alikhulu elinamanci mabini amawaka, arhola ikrele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
iSebha neTsalmuna zaziseKarkore nomkhosi wazo owawukunye nawo, amadoda amalunga neshumi elinesihlanu lamawaka, lawo onke awayesele kuwo onke amabhunga oonyana baseMpuma; kuba kwawa ikhulu elinamanci mabini amawaka amadoda arhola ikrele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uZebha noZalmuna nomkhosi wabo babeseKarekore. Kuloo mkhosi wabantu basempumalanga kwakuwe amadoda akwisithuba samawaka alikhulu elinamashumi amabini, kwasala ishumi elinesihlanu lamawaka kuphela.