Judges 8:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Basuka besaba u‐Zeba no‐Tsalemuna; kodwa wabaputuma, wabamba okumkani bobabini bama‐Midiyane, u‐Zeba no‐Tsalemuna, nawo wonke umkosi wawutusa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Basaba ooZebha noTsalimuna; wabasukela, wababamba ookumkani bobabini bamaMidiyan, ooZebha noTsalimuna; wayothusa yonke impi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabaleka uShebha noTsalimuna, wabasukela, wababamba ookumkani ababini bakwaMidiyan, uShebha noTsalimuna, waludubaduba lonke uhlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke bona ookumkani abo, uZebha noZalmuna, babaleka, waza ke wabasukela wababamba, watsho nomkhosi wabo warhwaqela.