Judges 8:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula weza kubo abantu base‐Sukote, wati: Naba u‐Zeba no‐Tsalemuna, enibe nindigxeka ngabo, nisiti: Isandla sika‐Zeba nesika‐Tsalemuna sezisesandleni sako na, ukuba sinike amadoda ako adiniweyo isonka?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weza ebantwini baseSukoti, wathi, Naba ooZebha noTsalimuna, enibe nindingcikiva ngabo, nisithi, Isandla sikaZebha noTsalimuna sesisesandleni sakho yini na, ukuba siwanike isonka amadoda akho atyhafileyo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weza kumadoda aseSukoti, wathi, Sebha noSalemuna, ngabo enaniqalekisayo ngabo, nisithi, iSebha neSalemuna sele zisesandleni sakho na, ukuba siwanike amadoda lawo na? ngoobani abadinwe sisonka?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UGidiyon ke waya kumaSukoti, wafika wathi: “Naba ke uZebha noZalmuna enaniphoxisa ngam ngenxa yabo, nisithi: ‘Ngaba sewuboyisile na ooZebha noZalmuna, le nto selufuna siwunike isonka umkhosi wakhe odiniweyo?’ ”