Judges 8:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati ku‐Zeba no‐Tsalemuna: Ebenjanina amadoda enawabulalayo e‐Tabore? Baza bati: Njengokuba unjalo wena, ebenjalo wona, amanye ngamanye efana nonyana bokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kuZebha noTsalimuna, Ebenjani na amadoda enawabulalayo eTabhore? Bathi, Abenjengawe, elowo enesithomo sonyana wokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuSebha noTsalimuna, Ngoobani na abantu enababulalayo eTabhore? Aphendula athi, Babenjengawe; wonke umntu wayekhangeleka njengabantwana benkosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UGidiyon wabuza uZebha noZalmuna wathi: “Ayeluhlobo luni na laa madoda nawabulalayo eTabore?” Ke bona baphendula bathi: “Ayefana nawe lowo kanye – onke ayengathi ngoonyana bokumkani.”