Judges 8:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati ku‐Yetere, owamazibulo wake: Suka, babulale. Kodwa indodana leyo ayar̔ola iṙele layo; ngokuba ibisoyika, iseyindodana nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kuYetere owamazibulo kuye, Suk ume, ubabulale. Ke indodana leyo ayilirholanga ikrele layo; ngokuba ibisoyika, kuba ibisengumfana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuYetere, amazibulo akhe, Vuka, ubabulale. Ke umfana akazange alirhole ikrele lakhe, kuba wayesoyika, kuba wayesengumfana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayalela unyana wakhe omkhulu, uYetere, wathi: “Khwela kubo; babulale!” Kodwa ke inkwenkwe leyo yoyika, ayabinza, kuba yayiselula.