Judges 8:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula u‐Zeba no‐Tsalemuna bati: Suka wena, usiwele; ngokuba njengokuba injalo indoda, akwa njalo amandla ayo. Waselesuka u‐Gideyone, wabulala u‐Zeba no‐Tsalemuna, wasusa inyangaṙa ezibe zisezintanyeni zenkamela zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi ooZebha noTsalimuna, Suk ume wena, usithi qwele;njengoko injalo indoda, bunjalo nobugorha bayo. Wesuka ke uGidiyon, wababulala ooZebha noTsalimuna, wazithabatha iintsimbi ezisezintanyeni zeenkamela zabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi ooSebha noTsalimuna, Hlalani nisibulale, ngokuba njengoko anjalo umntu, bunjalo ubugorha bakhe. Wesuka ke uGidiyon wawabulala uShebha noTsalimuna, wazithabatha ezo zivatho zeentamo zeenkamela zabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UZebha noZalmuna bathi ke kuGidiyon: “Sibulale ngokwakho; kaloku indoda ibonakala ngamandla ayo.” UGidiyon ke wababulala, waza wazithatha izihombiso ezazisezintanjeni zeenkamela zabo.