Judges 8:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Andula amadoda akwa‐Sirayeli ati ku‐Gideyone: Pata ubukosi pezu kwetu, kwa wena, nonyana wako, nonyana wonyana wako; ngokuba usisindisile esandleni sama‐Midiyane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi amaSirayeli kuGidiyon, Silawule wena, kwanonyana wakho, nonyana wonyana wakho; ngokuba usisindisile esandleni samaMidiyan.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi amadoda akwaSirayeli kuGidiyon, Silawule, wena nonyana wakho, nonyana wonyana wakho, ngokuba usisindisile esandleni samaMidiyan.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko ke amaSirayeli acela uGidiyon athi: “Masesilawulwa nguwe nenzala yakho. Kaloku nguwe osihlanguleyo kumaMidiyan.”