Judges 8:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Gideyone wati kuwo: Mna andiyi kupata ubukosi pezu kwenu, naye unyana wam akayi kupata ubukosi pezu kwenu; nguyehova oya kupata ubukosi pezu kwenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uGidiyon kuwo, Andiyi kunilawula mna; akayi kunilawula nonyana wam; nguYehova oya kunilawula nina.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uGidiyon kuwo, Andiyi kunilawula mna; akayi kunilawula nonyana wam; uYehova uya kunilawula.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena waphendula wathi: “Hayi, soze nilawulwe ndim nangunyana wam, koko niya kulawulwa *nguNdikhoyo.”