Judges 8:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Gideyone wati kuwo: Makendicele isicelo kuni, sokuba nindinike abanye ngabanye imisesane yempango yabo. (Ngokuba ebenemisesane yegolide, engama‐Shimayeli nje.)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uGidiyon kuwo, Ndiya kucela ngcelo-nye kuni;ndinikeni elowo ijikazi lexhoba lakhe. (Ngokuba ebenamajikazi egolide, kuba ebengamaIshmayeli.)
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uGidiyon kuwo, Ndicela nto-nye kuni; (ngokuba babenamajikazi egolide, kuba babengamaIshmayeli.)
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waqhuba ke wathi: “Mandicele le nto apha kuni: umntu ngamnye makandiphe icici alifumeneyo lisisabelo sakhe sempahla ethinjiweyo.” (Kaloku amaMidiyan, engamaIshmayeli nje, ayefaka amacici.)