Judges 8:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Gideyone wenza ngayo iyefodi, wayimisa esixekweni sake, e‐Hofera: basuka bonke o‐Sirayeli baṙexezela emva kwayo kona; eyaba ngumgibe ku‐Gideyone nakwindlu yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UGidiyon wenza ngazo iefodi, wayibeka emzini wakhe eOfra;athi onke amaSirayeli ahenyuza ngokuyilandela khona; yangumgibe kuGidiyon nakwindlu yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uGidiyon wenza ilaphu ngayo, wayibeka eOfra, idolophu yakowabo, aza ahenyuza khona onke amaSirayeli, yaza yaba ngumgibe kuGidiyon nakwindlu yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uGidiyon wayithatha loo golide, wenza *isidanga sonqulo ngayo, wasibeka apho kowabo eOfra. Onke ke amaSirayeli akreqa kuThixo ngenxa yeso sidanga. Le nto yaba ngumgibe kuGidiyon nomzi wakowabo.