Judges 8:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo ama‐Midiyane atotyiswa pambi kwosapo luka‐Sirayeli; akabuya apakamise intloko zawo. Lati ilizwe lapumla iminyaka yamashumi mane emihleni ka‐Gideyone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athotywa amaMidiyan phambi koonyana bakaSirayeli, akaphinda aziphakamise iintloko zawo. Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mane ngemihla kaGidiyon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athotywa ke amaMidiyan phambi koonyana bakaSirayeli, akaphinda aziphakamise iintloko zawo. Lazola ilizwe iminyaka emashumi mane ngemihla kaGidiyon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwaba njalo ke ukoyiswa kwamaMidiyan, akaba savusa mnyele. Ilizwe elo ke lafumana amashumi amane eminyaka yenzolo ngemihla kaGidiyon.