Judges 8:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Gideyone wati: Ngako oko, akuba uyehova enikele u‐Zeba no‐Tsalemuna esandleni sam, ndiya kwandula ndibule inyama yenu kunye nameva asentlango namazinyo esincete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uGidiyon, Xa kunjalo, akubanikela uYehova ooZebha noTsalimuna esandleni sam, ndoyibhalula inyama yenu ngemithana enameva yasentlango, nangamakhakakhaka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uGidiyon, Ukuba ke uNdikhoyo uthe wayinikela iShebha neTsalimuna esandleni sam, ndoyiqwenga inyama yenu ngemithana enameva yasentlango.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UGidiyon ke wathi: “Hayi ke, kulungile! Akuba ebanikele kum *uNdikhoyo ooZebha noZalmuna, nina ndiya kuniphala ngameva nenkunzane.”