Judges 9:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa umtolo wati kuyo imiti: Ukuba kungenyaniso ninditambisayo ndibe ngukumkani pezu kwenu, yizani, nitembele esitunzini sam; kodwa ukuba akunjalo, maupume umlilo emtolweni, udle isedare ze‐Lebanone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lathi iqunube kuyo imithi, Ukuba okunene niyandithambisa ndibe ngukumkani wenu, yizani nizimele ngomthunzi wam; ukuba akunjalo, makuphume umlilo equnubeni, uyidle imisedare yaseLebhanon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lathi ityholo kwimithi, Ukuba okunene niyandithambisa ndibe ngukumkani wenu, nokholosa ngomthunzi wam;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke wona wathi: ‘Xa ngaba nizimisele ngenene ukundithambisa ndibe ngukumkani wenu, yizani kuzikhusela emthunzini wam; kungenjalo ke makuvele umlilo kula meva am, uyitshise imisedare yaseLebhanon.’ ”