Judges 9:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, ukuba nenzile ngenyaniso nangolungelelano ngokumenza u‐Abimeleki ukumkani, nokuba nenzile okulungileyo ku‐Yerubebali nakwindlu yake, nokuba nenzile kuye njengemfanelo yezandla zake; —
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba ke ngoko nenze ngenyaniso nangokugqibeleleyo, uAbhimeleki nimenze ukumkani nje, ukuba nenze okulungileyo kuYerubhahali nakwindlu yakhe, ukuba nimenzele ngokwempatho yezandla zakhe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku ukuba nenze ngenyaniso nangenyaniso ngokumenza ukumkani uAbhimeleki, ukuba nimenzele kakuhle uYerubhahali nendlu yakhe, namenza ngokwezandla zakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waqhuba wathi ke uYotam: “Ngaba niyenze ngokunyaniseka na into yokummisela uAbhimeleki abe ngukumkani wenu? Ngaba nenziwe kukumxabisa nokumhlonipha uJerubhali? Ngaba esi senzo nisenza kwinzala yakhe siyifanele na imisebenzi yakhe?