Judges 9:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kanti nina nivukile namhla ngakuyo indlu kabawo, nonyana bake nibabulele, amadoda amashumi asixe̔nxe, pezu kwelitye linye, no‐Abimeleki, unyana wesicakakazi sake, nimenzile ukumkani pezu kwabemi base‐Shekeme, ngokuba engumzalwana wenu;)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ke nina nisuke nayivunukela indlu kabawo namhla, nababulala oonyana bakhe, amadoda angamashumi asixhenxe, tyeni linye, namenza ukumkani wabemi bakwaShekem uAbhimeleki, unyana womkhonzazana wakhe, ngokuba engumzalwana wenu);
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kusuke kwavuka namhlanje indlu kayise noonyana bakhe, amadoda angamashumi omathandathu, awabulawelwa lityeni elinye, amenza uAbhimeleki, unyana womkhonzazana wakhe, ukumkani wabemi bakwaShekem, ngokuba engunyana wakho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke namhlanje niyivukele inzala kabawo. Nibabulele oonyana bakhe, amashumi asixhenxe onke, phezu kwelitye elinye. Nithe uAbhimeleki unyana awamfumana enkazaneni ezalana nani, namenza ukumkani waseShekem.