Judges 9:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Tetani ke ezindlebeni zabo bonke abemi base‐Shekeme, niti: Yiyipina into enilungeleyo, eyokuba amadoda emashumi asixe̔nxe, bonke onyana baka‐Yerubebali, apate ubukosi pezu kwenu, eyokuba indoda inye ipate ubukosi pezu kwenu, kusinina? kumbulani kanjalo, ukuba ndilitambo lenu nenyama yenu mna.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khanithethe ezindlebeni zabemi bakwaShekem bonke, nithi, Okona kulungileyo kuni, kukuthi nilawulwe ngamadoda amashumi asixhenxe, oonyana bonke bakaYerubhahali, kukuthi nilawulwe yindoda ibe nye, kusini na? Khumbulani ukuba ndilithambo lenu;ndiyinyama yenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thethani ezindlebeni zabemi bakwaShekem bonke, nithi, Okona kulungileyo kuni, kukuthi nilawulwe nyana bamashumi amathandathu oonyana bakaYerubhahali, kukuthi nilawulwe yindoda ibe nye, kusini na? nikhumbule ukuba lithambo lenu nenyama yenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Khanithethe nabemi baseShekem xa bebonke, nithi: ‘Nikhetha ntoni na: kukho ukuphathwa ngabo bonke oonyana bakaJerubhali abangamashumi asixhenxe, okanye ukulawulwa nguye abe mnye?’ Khumbulani ukuba ndingumntakwenu.”