Judges 9:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuba kufike ubudlwengu obusenziwa ngakubo onyana abangamashumi asixe̔nxe baka‐Yerubebali, nokuba kubekwe igazi labo pezu kwo‐Abimeleki umzalwana wabo, owabebabulele, napezu kwabemi base‐Shekeme, ababe bomelezile izandla zake ukubulala abazalwana bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze ukungonyanyelwa koonyana abangamashumi asixhenxe bakaYerubhahali kufike, igazi labo libekwe phezu koAbhimeleki umzalwana wabo, owababulalayo, naphezu kwabemi bakwaShekem, abasomelezayo isandla sakhe, wababulala abazalwana bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze inkohlakalo eyenziwa koonyana bakaYerubhahali abangamashumi asixhenxe ize negazi labo libe phezu koAbhimeleki umzalwana wabo owababulalayo; nabemi bakwaShekem, abamncedayo ukubulala abazalwana babo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le nto ke yenzeka ukuze uAbhimeleki nabemi baseShekem abamkhuthazileyo ekugwinteni amashumi asixhenxe oonyana bakaJerubhali, bajike badliwe yinja yabo.