Judges 9:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Gale, unyana ka‐Hebedi: Ungubanina u‐Abimeleki, angobanina ama‐Shekeme, ukuba sikonze kuye? asi ngunyana ka‐Yerubebali na? no‐Zebule asi ngumlindi wake na? konzani amadoda ka‐Hamore uyise ka‐Shekeme; ngokuba kunganina ukuba sikonze kuye tina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uGahali unyana kaEbhede, Ngubani na yena uAbhimeleki?Engubani na yena uShekem, ukuba simkhonze? Akanyana kaYerubhahali na, waye uZebhule engemveleli wakhe na? Khonzani amadoda akwaHamore, usoShekem. Kungani na ukuba simkhonze yena?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uGahali unyana kaEbhede, Ngubani na yena uAbhimeleki? Engubani na yena uShekem, ukuba simkhonze? Akanguye na unyana kaYerubhahali? noZebhule umlungiseleli wakhe? Bakhonzeni oonyana bakaHamore, uyise kaShekem, kuba kutheni na ukuba simkhonze?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi uGali unyana kaEbhede: “Xa engubani yena uAbhimeleki inzala kaShekem, ukuba sibe phantsi kwakhe? Akanyana kaJerubhali na? AsinguZebhule na ihlakani lakhe? Hayi bo! Masibuse amadoda akwaHamori usoShekem!