Judges 9:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula abazalwana bonina bateta ngaye ezindlebeni zabo bonke abemi base‐Shekeme kwa lamazwi onke; zaza intliziyo zabo zatobela emva kwo‐Abimeleki; ngokuba bebesiti: Ungumzalwana wetu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathetha abazalwana bonina ngaye, ezindebeni zabemi bakwaShekem bonke loo mazwi onke, intliziyo yabo yakuthobela ukumlandela uAbhimeleki; ngokuba bathi, Ngumzalwana wethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bawathetha abazalwana bonina loo mazwi akhe onke, ezindlebeni zabemi bakwaShekem bonke, intliziyo yabo yakuthobela ukumlandela uAbhimeleki; ngokuba bathi, Ngumzalwana wethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ooninalume ke bamthethelela kubemi baseShekem, baza ke nabo bavuma, kuba babesithi: “Ngumntakwethu.”