Judges 9:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kwakuya kuti ngomso, lakukova ilanga ukupuma, uvuke kusasa, ugaleleke pezu kwesixeko; kanjalo bona ke, nxa bapumela kuwe, yena nabantu abanaye, uya kwenza kuye, njengokufumana kwesandla sako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kothi, kusasa ukuphuma kwelanga, uvuke kusasa, wakhe uluhlu uye kuloo mzi; nanko yena nabantu anabo bephuma besiza kuwe;wenze kuye, njengoko sithe safumana ngako isandla sakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kusasa, ukuphuma kwelanga, vuka kusasa, uwunqamle umzi; yabona ke, ukuba uthe yena namadoda anabo bakuhlasela, wothi ke ngoko uthabathe inyathelo kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngomso, xa lithi chapha, ze nivuke nisiqubule nisihlasele isixeko. Aze athi ke uGali nomkhosi wakhe akuphuma esiza kulwa nenze oko isandla senu sinako ukukwenza.”