Judges 9:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni u‐Gale abebona abantu, wati ku‐Zebule: Naba abantu besihla ezingcocoyini zentaba. Kodwa u‐Zebule wati kuye: Uyabona isitunzi sentaba njengokungati singamadoda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UGahali wababona abantu, wathi kuZebhule, Naba abantu besihla ezincotsheni zeentaba. Wathi uZebhule kuye, Ubona amathunzi eentaba ngathi ngabantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wababona uGahali abantu, wathi kuSebhule, Yabona, nanko besiza bevela ezincotsheni zeentaba. Wathi uSebule kuye: Ubona amathunzi eentaba ngathi ngabantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wababona ke uGali, waza wathi kuZebhule: “Khangela, nangaya amadoda esihla encotsheni yentaba!” UZebhule uphendule wathi: “Hayi, ngamathunzi nje eentaba la angathi ngabantu.”