Judges 9:44 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba u‐Abimeleki nabeqela elinaye bati bukuqu, baza bema emnyango wesango lesixeko; n amanye amaqela omabini wona ati bukuqu pezu kwabo bonke abasezindle, ababeta.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAbhimeleki namaqela abenawo badwela ekungeneni kwesango lomzi; aza amaqela amabini akha uluhlu kubo bonke ababesemasimini, abaxabela ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAbhimeleki nesihlwele esasinaye bakhawuleza, bema emnyango wesango lomzi; zabalekela ezinye izihlwele ezibini, zababulala bonke abantu ababelapho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi xa axhabashileyo uAbhimeleki neqela lakhe besiya esangweni, aba amanye amaqela la mabini ehlasela abasemaphandleni, ababulala.