Judges 9:48 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka u‐Abimeleki wenyuka intaba ye‐Tsalimone, yena nabantu bonke ababenaye; waza u‐Abimeleki watabata izembe esandleni sake, wagaula isebe lasemitini, walicola, walibeka pezu kwegxalaba lake, wati kubo abantu ababenaye: Oko enibonileyo ukuba ndikwenzile, nxamani nenze njengam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayinyuka uAbhimeleki intaba yaseTsalimon, yena nabantu bonke abenabo; uAbhimeleki waphatha amazembe ngesandla, wagawula isebe emithini, walifunqula, walibeka egxalabeni lakhe; wathi ebantwini abenabo, Into enibone ndiyenza, ngxamani nenze njengam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayinyuka uAbhimeleki intaba yaseTalmon, yena nabantu bonke abenabo; uAbhimeleki waphatha izembe ngesandla sakhe, wagawula isebe lomthi, walithabatha, walibeka egxalabeni lakhe, wathi ebantwini ababenaye, Khawulezani nindibone ndisenza le nto yenza njengoko ndenzayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
waza ke waphuma nomkhosi wakhe, wanyuka intaba iZalmona. Apho ke wathatha izembe, wagawula isebe emthini, walixwaya emagxeni. Wathi kumadoda omkhosi wakhe: “Khawulezani nenjenjalo nani!”