Judges 9:49 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bonke abantu bagaula nabo abanye ngabanye amasebe abo, bamlandela u‐Abimeleki, bawabeka ngasenqatyeni, bayitshisa pezu kwabo inqaba leyo ngomlilo, bada bafa bonke abantu benqaba yase‐Shekeme nabo, ngati liwaka lamadoda nabafazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bagawula ke nabo abantu bonke, elowo isebe lakhe, bamlandela uAbhimeleki, bawabeka engontsini leyo, bayifaka isikhuni ingontsi, bekuyo abasenqabeni; kwafa nabantu bonke benqaba ende yakwaShekem, ngathi liwaka lamadoda nabafazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokufanayo bonke abantu bagawula ngamnye isebe lakhe baza bamlandela uAbhimeleki baza bawabeka kwindawo enqatyisiweyo esezintabeni baza bayitshisa inqaba eyayiphezu kwayo ezintabeni; kangangokuba bafa onke amadoda enqaba yakwaShekem, malunga newaka lamadoda nabafazi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yaba yileyo naleyo ke indoda yagawula isebe emthini; aza ke alandela uAbhimeleki. Ezo nkuni azayamisa apho kwelo gumbi; aza ke kamva azifaka umlilo, abantu belapho ngaphakathi. Bonke ke abantu ababesenqabeni yaseShekem bafa. Babekwisithuba sewaka lamadoda nababhinqileyo.