Judges 9:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka waya endlwini kayise e‐Hofera, wabulala abazalwana bake, onyana baka‐Yerubebali, amadoda angamashumi asixe̔nxe, pezu kwelitye linye; kodwa kwasala u‐Yotame, unyana omncinane ka‐Yerubebali, ngokuba ebezimele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weza endlwini kayise eOfra, wababulala abazalwana bakhe, oonyana bakaYerubhahali, amadoda amashumi asixhenxe, tyeni linye; kwasala uYotam, unyana omncinane kaYerubhahali, ngokuba wazimela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weza endlwini kayise eOfra, wababulala abazalwana bakhe, oonyana bakaYerubhahali, amadoda amashumi mathandathu aneshumi, tyeni linye; kwasala uYotam, unyana omncinane kaYerubhahali; ngokuba ebezimele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waya nazo kowabo eOfra, waza ke wababulala bonke oonyana bakayise, ebabulalela phezu kwelitye elinye. Kambe ke yona inci kaJerubhali uYotam yazimela yaza yasinda.