Judges 9:51 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa bekuko inqaba enamandla pakati kwesixeko eso; baza babalekela kona onke amadoda nabafazi, kwa bonke abemi besixeko, bazivalela, benyuka pezu kwentungo yenqaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwakukho inqaba ende eliqele phakathi komzi, abalekela khona onke amadoda, nabafazi, nabemi bonke bomzi, bazivalela, bakhwela phezu kwentungo yenqaba leyo inde.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye kukho inqaba ende eliqele phakathi komzi, abalekela khona onke amadoda, nabafazi, nomzi wonke, bazivalela, bazakhela phezu kodonga lwenqaba leyo inde.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Apho ke kwakukho inqaba eyomeleleyo kunene, aza ke onke amadoda nabo bonke ababhinqileyo (abemi bonke besixeko ukutsho) bangena kuyo. Bazitshixela, baya kuhlala phezulu eluphahleni.