Judges 9:54 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wabiza ngobunxamo indodana yake ebitwala izixo̔bo zake, wati kuyo: Ṙola iṙele lako, undifise, hlezibe kutiwe ngam: Umfazi wambulala. Yaza indodana yake yamhlaba, wada wafa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabiza kamsinya umfana wakwakhe obephethe iintonga zakhe, wathi kuye, Rhola ikrele lakho, undibulale, hleze kuthiwe ngam, Ubulewe yinkazana. Umfana wakwakhe wamhlaba amahlanza, wafa ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wakhawuleza wabiza umfana, wathi kuye, Rhola ikrele lakho, undibulale, hleze bathi ngam, Ubulewe ngumfazi; Waza isoka lakhe lamtyhala, wabhubha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko nangoko ke wabiza umfana owayephatha izikhali zakhe, wathi: “Rhola ikrele lakho undibulale, ukuze kungathiwa ndibulewe ngumfazi.” Ngoko ke umfana lowo wamgwaza wafa.