Judges 9:57 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nabo bonke ububi babantu base‐Shekeme utixo wabubuyisa pezu kwentloko zabo; kwada kweza pezu kwabo isiqalekiso sika‐Yotame, unyana ka‐Yerubebali.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nobubi bonke bamadoda akwaShekem uThixo wabubuyisela ezintlokweni zawo; afikelwa sisiqalekiso sikaYotam, unyana kaYerubhahali.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uThixo wabubuyisela bonke ububi bamadoda akwaShekem ezintlokweni zawo, nesiqalekiso sikaYotam, unyana kaYerubhahali, saba phezu kwawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UThixo wabohlwaya nabantu baseShekem ngenxa yenkohlakalo yabo, njengoko wathethayo uYotam unyana kaJerubhali xa wayebashwabulela.