Lamentations 1:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Asi nto na kuni, nonke nina badlulayo ngendlela? kangelani, nibone ukuba kuko ubuhlungu na njengobam ubuhlungu, obo bundenzelweyo mna, obo uyehova wa ndi bulala ngabo ngomhla wobushushu bengqumbo yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akunto na oku kuni nonke, nina nidlula ngendlela? Bhekani nibone, ukuba kukho na umvandedwa onjengomvandedwa wam, endiwenziweyo, Athe uYehova wandenza lusizi ngemini yokuvutha komsindo wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akunto na kuni nonke nina nidlula ngendlela? Khangelani nibone, ukuba kukho na umvandedwa onjengam, wenziweyo kum, andicinezele ngawo uYehova ngemini yomsindo wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Asilutho na kuni, nonke nina nidlula ngendlela? Khangelani nibone: ikho na intlungu enjengeyam andihlabanisele ngayo uNdikhoyo, intlungu andihlisele yona ngemini yokuvutha komsindo wakhe?